








BONA XHOSA - July 1995 
YOBUZA 
UTHINTELE
UKUBA NOLUSU
OLUBUKEKA
LUDINIWE!

Ukobuza yinto entsha kunonophelo lolusu kule mihla, kodwa kwenza imimangaliso! Ukobuza kukusuka kweeseli ezifileyo eziye zihlale kwiintunja zolusu xa usobuza nezithi zilwenze ulusu lubukeke ludiniwe kwaye lurhabaxa.
Izithambiso zokwebuza zobuso nomzimba zineenkozwana ezimenyezelayo, ezikhuhla amacwecwana olusu zilwenze mpuluswa lubonakale lusempilweni.
Izithambiso zokubuza aziyithathi indawo yezicoci-lusu. Ngoko kubalulekile ukuqhubeka nokusebenzisa isepha yakho oyithandayo yokucoca. Yikhethe kwezakwaPalmolive zona
eziba nononophelo eluswini lwakho. Zama
iPalmolive Green Natural Skin Care Soap ene Extra Cleansing, iGlycerine kunye neeHerbs okanye iPalmolive Pink Natural Skin Care Soap ene Extra Conditioning, Lanolin.
Xa sele ulucocile ulusu lwakho qaba isithambiso sokobuza sakho lusafumile ulusu lwakho. Sifake ngobunono ujikelezisa iminwe. Luhlambulule ngamanzi ugalele isifumisi-lusu.
Sisebenzise kusasa okanye ngokuhlwa isithambiso sokubuza sakho kube kathathu ngeveki xa unolusu olumenyezelayo. Isithambiso sokubuzisa umzimba sona sinokusetyenziswa kangangoko umntu efuna.











IZITOVU
KUZITHEMB A

Onke amabhiqa ayazi ukuba nokuba usandul'ukutshata na okanye seluneminyaka utshatile, isitovu yenye yezinto ezibalulekileyo ofanele ube nazo.


Sisitovu esenza kubekho ubudlelane ekhaya - buza umyeni nabantwana bakho - kaloku ixesha lokutya lixesha lokuba usapho ludibane luxoxe ezidla umzi kwaye lonwabele ukuba ndawonye. Yiyo loo nto isitovu kusesinye sezixhobo ezibalulekileyo ezifanele ukuthengwa, kwaye yiyo loo nto abantu abaninzi bethenga izitovu zakwaDEFY
Akukho mntu ungaziyo ukuba le nkampani ibisoloko ivelisa izixhobo
zasekhitshini nezokuhlamba impahla zodidi oluphambili, ezithembekileyo, nezifaneleyo ukuthengwa ezisebenza ngombane apha eMzantsi-Afrika.
Xa ungena emzini omtsha okanye ufuna isitovu esitsha sodidi oluphambili esinexabiso eliphantsi, izitovu zeDEFY 500mm ezizimelayo zikulungele.
Ezi zitovu zibini zongeza kwezo zakwaDEFY ezikhawulelana neenguqu kwiimfuno nakwimeko yemali yabo bonke abemi baseMzantsi-Afrika kwaye zenziwe ngendlela eyenza kube lula ukuzisebenzisa kwibhodi esasaza umbane yakwaEskom efakelwa kwizigidi ngezigidi zamakhaya eMzantsi-Afrika.
Izitovu zodidi oluphambili iDefy 511 neDEFY 521 Solid Plate zinomtsalane, kulula ukuzigcina zicocekile, zithembekile kwaye zikubhakisa kakuhle.
Izitovu zeDEFY 500mm zakhiwe ngendlela eyenza ukuba zingene kumakhitshi amancinane.
IDEFY511 inokuplagwa kwiplagi eqhelekileyo eseludongeni into ethetha ukuba akukho mfuneko yeendleko zokusidibanisa nombane. Oku kuthetha ukuba unokusitshintshela kolunye udonga xa uthanda.
Ngaphandle kokusebenzisa iipleyiti ezintathu ezomeleleyo nezicoceka lula unokusebenzisa indawo yokubhaka nokugrila.
Ezinye izinto ezenza esi sitovu sinkqenkqeze phambili:
Ngamaqhosha aso ekulula ukufikelela kuwo.
 Indawo onokugcina kuyo iimbiza neepani zakho.
 Iishelfu zeonti ekulula ukuzikhupha, ezingangenwa ngumhlwa, ezingakhawuleziyo ukonakala, ezicoceka lula nezikhuphekayo.
 Iwotshi enemizuzu engama-80 ekunceda ekugcineni amaxesha akho okupheka neqinisekisa ukuba ikeyiki nokutya okuphekayo kuphekeka
kakuhle.
Esinye isitovu esilungele amakhitshi amancinci yiDEFY52I. Siyafana neDEFY 511 qha sona sineepleyiti ezine kwaye sidityaniswa nombane nge- cable.
Zozibini ezi zitovu zikwenza upheke, ubhake yaye u- grile kakuhle.
Izitovu zakwaDEFY zezodidi oluphambili kodwa kunjalo le nkampani ineencutshe ezikumasebe ayo akulo lonke eli ajongene nokuqinisekisa ukuba ezi zitovu zisebenza ngendlela efaneleyo.
Ukuba nesitovu sakwaDEFY kukwenza ungakhathazeki ubomi bakho bonke.





BHAKA UNCUTHU
NGESNO WFLAKE


ISCONES WITH OIL
500m1 yeSNOWFLAKE CAKE FLOUR (280g)
2m1 yeRoyal baking powder
2m1 yetyuwa
60m1 ye-Epic oil
iqanda elikhulu kakhulu
ubisi olwaneleyo oluthi lwakuxutywa
neoyile neqanda lube yi-250m1 Sefa izithako ezomileyo ndawonye.
2. Xuba ioyile, iqanda nobisi.
3.Sebenzisa isitshetshe ukugalela
amanzi awaneleyo kwizithako
ezomileyo ukuze kube yintlama
ethambileyo kodwa engencangathi.
4. Ungaxubi de kungabi namagaqa.
5. Kubhukuqele kwiplanga elifafazwe
iflawa, cinezela.
6. Sika ngesitshetshe okanye okokusik'
imiqhathane.
7. Imiqhathane yibeke kwiheyi
yokubhaka ubhake kwionti eku-200C
(400oF) i-12 ukuya kwi-15 lemizuzu.
Unokwenza i-10 lemiqhathane
ephakathi ngobukhulu.

AMACEBISO
Imiqhathane inokubhakwa epanini yokuqhotsa okanye emlilweni endaweni yokubhaka eontini.
EZINYE IINCASA 

ICHEEESE AND BACON 
Galela -125m1 Cheddar cheese egreyithiweyo (50g), 3 izilayi
zebacon, zinqunqwe, 
ziqhotswe ne-2ml yedried mustard kwizithako ezomileyo.
2. ITSHIZI
Galela i-125m1 Cheddar cheese (50g) ne-2m1 yedried mustard powder okanye intwana yecayenne pepper kwizithako ezomileyo.

3.ENESIQHAMO
Galela i-50m1 yeerasentyisi (30g) ne 15m1 yomxube wamaxolo okanye i 125m1 yeerasentyisi (75g) ne-100ml
yepecan nuts ezinqunqiweyo (60g)
okanye i-125ml yedatlisi ezinqunqweyo
(75g) kwizithako ezomileyo.
4. ENENGQOLOWA ENTLAKANTLAKA
Sebenzisa ISNOWFLAKE BROWN BREAD MEAL okanye iSNOWFLAKE NUTTY WHEAT WHOLEWHEAT MEAL endaweni yeSNOWFLAKE CAKE FLOUR. Xa kufuneka yongeza amanzi.

5. ENEJAM
Wakuyenza imiqhathane, kuwo ngamnye vula ngaphezulu umngxuma ngomva wecephe. Galela i-2m1 yejam kuloo mngxuma, ubhake.

6. ENAMAVILI
lntlama enye yibumbe ilingane macal' omane. Dyobha nayiphi kwezi fillings zingezantsi. Intlama yiqengqe oku kweSwiss roll. Yisike ibe zizilayi ezingqingqwa kangange-25mm, zibeke kwitreyi yokubhaka eqatywe amafutha, Bhaka kwionti eku-200C (400F) imizuzu eli-12 ukuya kweli-15.
Ifillings:
Ijam: Imagarini enyityilikisiweyo nejam yiqabe entlameni. Fafaza ikhokhonati okanye amandongomane anqunqiweyo.

lziqhamo ezomisiweyo: Dyobha imagarini enyityilikisiweyo entlameni. Ngaphezulu beka i-125mi yeesultanas okanye iirasentyisi (75g) okanye iidatlisi ezinqunqiweyo namandongomane. Fafaza i-125m1 yeswekile (l00g) ne-7m1 yecinnamon.

7. ISAVOURY MINCE ROLL
Yenza intlama yomqhathane enye ibe ngamacala amane alinganayo. Galela isavoury mince phezu kwentlama, yiqengqe oku kweSwiss roll. Iroll yidyobhe ngobisi, bhaka kwionti eku-200C (400F) ama-25 ukuya kuma-30 emizuzu.

8. IROLY-POLY PUDDING
Intlama enye yomqhathane yiqengqe ilingane macal' omane. Izithako ezilandelayo zifafaze phezu kwentlama:

1 iGranny Smith apple, igreyithwe ibe ntlakantlaka
2 iibhanana, zisikwe
30m1 yepecan nuts, zinqunqwe
30m1 yeapricot jam Yiqengqe oku kweSwiss roll, yifake kwisitya sokubhaka eontini esisangqa nesiyi-22cm.

zithako ezilandelayo zifudumeze ndawonye, galela ngaphezulu iroly-poly phambi kokuba ubhake.

250ml yeswekile (l00g)
30g yeblossom margarine
500m1 yamanzi
50m1 yencindi yelamuni
30m1 yegolden syrup
intwana yetyuwa
3m1 yeginger okanye ixolo lelamuni
Bhaka kwionti eku-180C (35OF) iyure e
1.Baphe nekhastadi.



	Ukuba ngaba unemibuzo malunga nolusu lwakho okanye ukunonotshelwa kwalo naluphi na ulusu, nceda usibhalele kwaPalmolive Caring ForYour Skin P.O.Box 3320, Porklands, 221.Ziyakuphendulwa zonke iincwadi,

	Ukuba ngaba unemibuzo malunga nolusu lwakho okanye ukunonotshelwa kwalo naluphi na ulusu, nceda usibhalele kwaPalmolive Caring ForYour Skin P.O.Box 3320, Porklands, 221.Ziyakuphendulwa zonke iincwadi,

96 BONA XHOSA - JuIy 1995

IW) BONA XHOSA - Jiily 1995

